UMateyu Chapter 28

For English

Read UMateyu Chapter 28 Online

Read UMateyu Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMateyu 28

Isahluko 28

1. Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.

2. Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.

3. Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.

4. Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.

5. Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.

6. Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.

7. Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.

8. Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.

9. Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.

10. Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.

11. Bakubon’ ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.

12. Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,

13. besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.

14. Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.

15. Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.

16. Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.

17. Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.

18. Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.

19. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;

20. nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.

About UMateyu Chapter 28

Read UMateyu Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMateyu
Chapter: 28
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMateyu Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMateyu Chapter 28?

UMateyu Chapter 28 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 26
  3. IZenzo Chapter 18
  4. IZenzo Chapter 13
  5. IZenzo Chapter 12
  6. IZenzo Chapter 7
  7. IZenzo Chapter 8

Explore More from umateyu

  1. UMateyu Chapter 4
  2. UMateyu Chapter 16
  3. UMateyu Chapter 6
  4. UMateyu Chapter 20
  5. UMateyu Chapter 21
  6. UMateyu Chapter 24
  7. UMateyu Chapter 17

Related Chapters & Readings

  1. 1 YooKumkani Chapter 19
  2. KuTito Chapter 2
  3. 1 YeziKronike Chapter 28
  4. IiNdumiso Chapter 8
  5. IGenesis Chapter 31
  6. UYoshuwa Chapter 16
  7. AbaGwebi Chapter 17
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *