Read IsiTyhilelo Chapter 8 Online
Read IsiTyhilelo Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IsiTyhilelo and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IsiTyhilelo 8
Isahluko 8
1. Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwabakho ukuzola ezulwini, kwangathi sisiqingatha seyure.
2. Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa amaxilongo asixhenxe.
3. Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.
4. Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo.
5. Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima.
6. Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.
7. Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8. Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo, elwandle; saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi;
9. safa isahlulo sesithathu sezidalwa eziphilileyo eziselwandle; nesahlulo sesithathu semikhombe sonakaliswa.
10. Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi.
11. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
12. Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi, ukuze isahlulo sesithathu sazo sibe mnyama, sithi isahlulo sesithathu sayo imini singakhanyi, bube njalo nobusuku.
13. Ndabona, ndeva olunye ukhozi luphaphazela esazulwini samazulu, lusithi ngezwi elikhulu, Yeha! yeha! yeha! abo bemiyo phezu komhlaba, ngawo amazwi aseleyo exilongo lezithunywa ezithathu, ezisaza kuvuthela amaxilongo.
About IsiTyhilelo Chapter 8
Read IsiTyhilelo Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IsiTyhilelo
Chapter: 8
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IsiTyhilelo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IsiTyhilelo Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IsiTyhilelo Chapter 8?
IsiTyhilelo Chapter 8 is part of the Book of IsiTyhilelo in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IsiTyhilelo Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from isityhilelo
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 13
- IsiTyhilelo Chapter 22
- IsiTyhilelo Chapter 9
Explore More from ITestamente Entsha
- ULuka Chapter 7
- 1 KwabaseKorinte Chapter 13
- UYohane Chapter 8
- UMarko Chapter 7
- IZenzo Chapter 26
- 1 KaPetros Chapter 1
- 1 KuTimoti Chapter 2