UMateyu Chapter 5

For English

Read UMateyu Chapter 5 Online

Read UMateyu Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMateyu and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMateyu 5

Isahluko 5

1. Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.

2. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,

3. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.

6. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.

7. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.

8. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.

9. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.

10. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

11. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.

12. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

13. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu.

14. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;

15. kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

16. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.

17. Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.

18. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.

19. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.

20. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.

21. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo.

22. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.

23. Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,

24. wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.

25. Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni.

26. Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

27. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.

28. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.

29. Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

30. Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

31. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana.

32. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

33. Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho.

34. Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo;

35. nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu.

36. Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama.

37. Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo.

38. Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo.

39. Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.

40. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka.

41. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini.

42. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva.

43. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.

44. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;

45. ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.

46. Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?

47. Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenjenjalo yini na nababuthi berhafu?

48. Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.

About UMateyu Chapter 5

Read UMateyu Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMateyu in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMateyu
Chapter: 5
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMateyu. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMateyu Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMateyu Chapter 5?

UMateyu Chapter 5 is part of the Book of UMateyu in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMateyu Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. UYohane Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 10
  6. IsiTyhilelo Chapter 8
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from umateyu

  1. UMateyu Chapter 24
  2. UMateyu Chapter 6
  3. UMateyu Chapter 21
  4. UMateyu Chapter 23
  5. UMateyu Chapter 2
  6. UMateyu Chapter 10
  7. UMateyu Chapter 22

Related Chapters & Readings

  1. IsiTyhilelo Chapter 5
  2. UYeremiya Chapter 21
  3. UHezekile Chapter 11
  4. 1 YooKumkani Chapter 11
  5. UNehemiya Chapter 13
  6. UHezekile Chapter 43
  7. ILevitikus Chapter 14
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *