UIsaya Chapter 9

For English

Read UIsaya Chapter 9 Online

Read UIsaya Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UIsaya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UIsaya 9

Isahluko 9

1. Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.

2. Abantu abo babamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo.

3. Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.

4. Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan.

5. Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.

6. Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo,

7. ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.

8. INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli.

9. Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: abathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,

10. Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.

11. UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.

12. Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

13. Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi.

14. Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzi, ngamini-nye.

15. Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo.

16. Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo.

17. Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

18. Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi.

19. Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe.

20. Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe;

21. uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe.

About UIsaya Chapter 9

Read UIsaya Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UIsaya
Chapter: 9
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UIsaya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UIsaya Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UIsaya Chapter 9?

UIsaya Chapter 9 is part of the Book of UIsaya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UIsaya Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uisaya

  1. UIsaya Chapter 39
  2. UIsaya Chapter 32
  3. UIsaya Chapter 1
  4. UIsaya Chapter 48
  5. UIsaya Chapter 15
  6. UIsaya Chapter 42
  7. UIsaya Chapter 53

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 31
  2. IiNdumiso Chapter 60
  3. IDuteronomi Chapter 9
  4. IGenesis Chapter 11
  5. IiNdumiso Chapter 36
  6. 2 KaSamuweli Chapter 7
  7. 1 KuTimoti Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *