UHezekile Chapter 19

For English

Read UHezekile Chapter 19 Online

Read UHezekile Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UHezekile 19

Isahluko 19

1. Wena ke, yenza isijwili ngezikhulu zakwaSirayeli, uthi,

2. Uyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha.

3. Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu.

4. Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwe amakhonkco.

5. Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha.

6. Lahambahamba phakathi kweengonyamakazi, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; labadla abantu.

7. Labazi abahlolokazi babo, layenza amanxuwa imizi yabo, kwaba senkangala kwilizwe nakwinzaliseko yalo, ngezwi lokubharhula kwalo.

8. Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo.

9. Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalisa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.

10. Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.

11. Waba namasebe aqinileyo okuba ziintonga zabalawuli. Ubude bawo baphakama baphezulu, phakathi kweengqimba zamafu; wabonakala ekuphakameni kwawo ngobuninzi bamasebe awo.

12. Wanyothulwa ke ngobushushu, wakhahlelwa emhlabeni, ulophu lwasempumalanga lwazomisa iziqhamo zawo; axhuzulwa oma amasebe awo aqinileyo, atsha ngumlilo.

13. Ngoku ke utyelwe entlango, ezweni elingumqwebedu, elomileyo.

14. Kuphume ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili.

About UHezekile Chapter 19

Read UHezekile Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UHezekile
Chapter: 19
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UHezekile Chapter 19 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UHezekile Chapter 19?

UHezekile Chapter 19 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 19 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uhezekile

  1. UHezekile Chapter 26
  2. UHezekile Chapter 40
  3. UHezekile Chapter 2
  4. UHezekile Chapter 42
  5. UHezekile Chapter 38
  6. UHezekile Chapter 45
  7. UHezekile Chapter 9

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 141
  2. UYeremiya Chapter 28
  3. IsiTyhilelo Chapter 12
  4. IZenzo Chapter 9
  5. ImiZekeliso Chapter 11
  6. 2 KaSamuweli Chapter 22
  7. UYoshuwa Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *