Read EkaYakobi Chapter 5 Online
Read EkaYakobi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EkaYakobi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
EkaYakobi 5
Isahluko 5
1. Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo.
2. Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu.
3. Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo. Niziqwebele ubutyebi ngeemini zokugqibela.
4. Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi.
5. Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo.
6. Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi.
7. Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula.
8. Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele.
9. Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango.
10. Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela.
11. Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.
12. Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni.
13. Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso.
14. Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi;
15. wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa.
16. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.
17. UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu.
18. Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo.
19. Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula,
20. makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono.
About EkaYakobi Chapter 5
Read EkaYakobi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: EkaYakobi
Chapter: 5
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EkaYakobi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading EkaYakobi Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is EkaYakobi Chapter 5?
EkaYakobi Chapter 5 is part of the Book of EkaYakobi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete EkaYakobi Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ekayakobi
Explore More from ITestamente Entsha
- EkaYakobi Chapter 3
- UMateyu Chapter 26
- UMateyu Chapter 3
- IsiTyhilelo Chapter 16
- IZenzo Chapter 24
- UYohane Chapter 8
- IsiTyhilelo Chapter 15