ULuka Chapter 10

For English

Read ULuka Chapter 10 Online

Read ULuka Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ULuka and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ULuka 10

Isahluko 10

1. Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.

2. Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.

3. Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.

4. Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni.

5. Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.

6. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.

7. Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.

8. Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;

9. niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

10. Emzini enisukuba ningena kuwo, baneli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,

11. Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

12. Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.

13. Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.

14. Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu.

15. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.

16. Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo.

17. Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.

18. Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.

19. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.

20. Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.

21. Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.

22. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.

23. Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.

24. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, abazibona; nokuva izinto enizivayo, abaziva.

25. Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

26. Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na?

27. Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako.

28. Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.

29. Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?

30. Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.

31. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.

32. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.

33. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.

34. Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.

35. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.

36. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?

37. Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.

38. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.

39. Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.

40. UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.

41. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi.

42. Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.

About ULuka Chapter 10

Read ULuka Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ULuka
Chapter: 10
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ULuka. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ULuka Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ULuka Chapter 10?

ULuka Chapter 10 is part of the Book of ULuka in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ULuka Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from uluka

  1. ULuka Chapter 8
  2. ULuka Chapter 11
  3. ULuka Chapter 1
  4. ULuka Chapter 15
  5. ULuka Chapter 21
  6. ULuka Chapter 3
  7. ULuka Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseEfese Chapter 3
  2. 1 KuTimoti Chapter 1
  3. 1 KaSamuweli Chapter 15
  4. KwabaseRoma Chapter 13
  5. IiNdumiso Chapter 50
  6. UYeremiya Chapter 37
  7. UNehemiya Chapter 6
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *