Read KwabaseRoma Chapter 4 Online
Read KwabaseRoma Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseRoma and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
KwabaseRoma 4
Isahluko 4
1. Yintoni na ngoko esiya kuthi, uAbraham, ubawo wethu, ufumene yona ngokwenyama?
2. Kuba uAbraham, ukuba wayegwetyelwe ngokwasemisebenzini, ange eneqhayiya; akanalo ke phambi koThixo.
3. Kuba sithini na isibhalo? Sithi ke, Wakholwa uAbraham kuThixo, kwaza oko kwabalelwa kuye ebulungiseni.
4. Ke kaloku, kulowo usebenzayo, umvuzo awubalelwa ngokwaselubabalweni; ubalelwa ngokwasekubangweni.
5. Ke kulowo ungasebenziyo, uthi akholwe kuye omgwebelayo lowo ungahloneli Thixo, ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni;
6. kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi,
7. esithi, Banoyolo abazigqitho zixolelweyo, Abazono zigutyungelweyo;
8. Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.
9. Olo luyolo ngoko lunconywayo lulolwabolwaluko bodwa na? Asilulo olwabo bangebolwaluko nabo na? Kuba sithi, kuAbraham ukholo lwabalelwa ebulungiseni.
10. Lwathiwani na ke ngoko ukubalelwa kuye? Esekwalukeni, esekungalukini, sini na? Engekhona ekwalukeni; esekungalukini.
11. Waza wamkela umqondiso wolwaluko, waba litywina lokuqinisa ubulungisa bokholo abenalo esekungalukini: ukuba abe nguyise wabo bonke abakholwayo besekungalukini, ukuze ubulungisa bubalelwe nakubo;
12. nokuthi abe nguyise wabalukileyo, abanganele ukuba ngabalukileyo nje kodwa; abathi phezu koko bahambe emkhondweni wokholo lobawo wethu uAbraham, abenalo esekungalukini.
13. Kuba ukumbeka ngedinga uAbraham, nokuba yimbewu yakhe, lokuba yindlalifa yalo ihlabathi, bekungengamthetho; bekungobulungisa bokholo.
14. Kuba abo basemthethweni, ukuba ngabo iindlalifa, ukholo lungaba lwenziwe into engento, nedinga lingaba liphuthisiwe;
15. kuba umthetho usebenza ingqumbo. Ke apho kungekho mthetho, akukho sigqitho.
16. Ngenxa yoku, ilifa lelaselukholweni; ukuze libe ngokobabalo; ukuze idinga liqiniseke kuyo yonke imbewu; lingabi kweyasemthethweni yodwa, libe nakweyaselukholweni luka-Abraham, ongubawo wethu sonke
17. (njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndikumisile ukuba ube nguyise weentlanga ezininzi), phambi koThixo awakholwayo kuye, obadlisa ubomi abafileyo, azibize izinto ezingekhoyo, zinge zikho.
18. Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, ngokoko kwathethwayo: Iya kuba njalo imbewu yakho.
19. Wathi, engebuthathaka nje ngokholo, akondela emzimbeni wakhe, obuselufile (emayela ekhulwini leminyaka ezelwe), kwanokufa kwesizalo sikaSara;
20. owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo,
21. eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.
22. Kungoko kwabalelwa nokubalelwa ebulungiseni kuye.
23. Ke kaloku, ukuba kwabalelwa kuye, akubhalwanga ngenxa yakhe yedwa;
24. kwabhalwa nangenxa yethu, thina kwakuza kubalelwa kuthi, thina bakholwayo kulowo wamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo;
25. owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.
About KwabaseRoma Chapter 4
Read KwabaseRoma Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: KwabaseRoma
Chapter: 4
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseRoma. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading KwabaseRoma Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is KwabaseRoma Chapter 4?
KwabaseRoma Chapter 4 is part of the Book of KwabaseRoma in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete KwabaseRoma Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from kwabaseroma
- KwabaseRoma Chapter 16
- KwabaseRoma Chapter 10
- KwabaseRoma Chapter 2
- KwabaseRoma Chapter 9
- KwabaseRoma Chapter 11
- KwabaseRoma Chapter 8
- KwabaseRoma Chapter 1