Read KwabaseRoma Chapter 16 Online
Read KwabaseRoma Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseRoma and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
KwabaseRoma 16
Isahluko 16
1. Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;
2. ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
3. Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
4. bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
5. Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intanda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.
6. Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.
7. Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile, kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.
8. Bulisani kuAmpliya, intanda yam ngokwaseNkosini.
9. Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intanda yam.
10. Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.
11. Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.
12. Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekayo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intanda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi.
13. Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma.
14. Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo.
15. Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.
16. Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
17. Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.
18. Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
19. Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
20. UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
21. Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam.
22. Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi.
23. Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.
24. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
25. Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni, ebonakalalisiweyo ke ngoku,
26. eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga:
27. kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.
About KwabaseRoma Chapter 16
Read KwabaseRoma Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseRoma in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: KwabaseRoma
Chapter: 16
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseRoma. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading KwabaseRoma Chapter 16 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is KwabaseRoma Chapter 16?
KwabaseRoma Chapter 16 is part of the Book of KwabaseRoma in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete KwabaseRoma Chapter 16 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IZenzo Chapter 9
- IZenzo Chapter 26
- IZenzo Chapter 18
- IZenzo Chapter 13
- IZenzo Chapter 12
- IZenzo Chapter 7
- IZenzo Chapter 8
Explore More from kwabaseroma
- KwabaseRoma Chapter 4
- KwabaseRoma Chapter 15
- KwabaseRoma Chapter 11
- KwabaseRoma Chapter 12
- KwabaseRoma Chapter 6
- KwabaseRoma Chapter 9
- KwabaseRoma Chapter 2