Read AbaGwebi Chapter 12 Online
Read AbaGwebi Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of AbaGwebi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
AbaGwebi 12
Isahluko 12
1. Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho.
2. Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.
3. Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?
4. Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.
5. AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi,
6. athi kuye, Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omane anamabini.
7. UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.
8. Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uIbhetsan waseBhetelehem.
9. Wayenoonyana abamashumi mathathu; waya kwendisa ngaphandle iintombi ezimashumi mathathu, wazekela oonyana bakhe iintombi ezimashumi mathathu ezivela ngaphandle. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esixhenxe.
10. Wafa ke uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem.
11. Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uElon, umZebhulon; wawalawula amaSirayeli iminyaka elishumi.
12. Wafa ke uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon, ezweni lakwaZebhulon.
13. Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uAbhedon, unyana kaHileli, wasePiraton.
14. Waye enoonyana abamashumi mane, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo.
15. Wafa ke uAbhedon unyana kaHileli, wasePiraton, wangcwatyelwa ePiraton ezweni lakwaEfrayim, kweleentaba lama-Amaleki.
About AbaGwebi Chapter 12
Read AbaGwebi Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: AbaGwebi
Chapter: 12
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading AbaGwebi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading AbaGwebi Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is AbaGwebi Chapter 12?
AbaGwebi Chapter 12 is part of the Book of AbaGwebi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete AbaGwebi Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from abagwebi
- AbaGwebi Chapter 1
- AbaGwebi Chapter 14
- AbaGwebi Chapter 11
- AbaGwebi Chapter 19
- AbaGwebi Chapter 2
- AbaGwebi Chapter 20
- AbaGwebi Chapter 16
Explore More from ITestamente Endala
- 1 KaSamuweli Chapter 10
- UYoshuwa Chapter 8
- UYobhi Chapter 15
- IiNdumiso Chapter 51
- IEksodus Chapter 38
- UYobhi Chapter 9
- UYona Chapter 3