AbaGwebi Chapter 14

For English

Read AbaGwebi Chapter 14 Online

Read AbaGwebi Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of AbaGwebi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

AbaGwebi 14

Isahluko 14

1. Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.

2. Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndibone inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.

3. Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndizekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.

4. Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.

5. Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.

6. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.

7. Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.

8. Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.

9. Wabuthabatha, waphatha ngesandla, wahamba, wahamba esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla; akabaxelela ukuba ubusi ubuthabathe esidumbini sengonyama.

10. Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.

11. Kwathi, bakumbona, bazisa abalingane abangamashumi omathathu, baba naye.

12. Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.

13. Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.

14. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive. Wathi kubo, Kodlayo kwaphuma ukudla, Konamandla kwaphuma incasa. Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.

15. Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?

16. UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?

17. Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.

18. Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.

19. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.

20. Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.

About AbaGwebi Chapter 14

Read AbaGwebi Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: AbaGwebi
Chapter: 14
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading AbaGwebi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading AbaGwebi Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is AbaGwebi Chapter 14?

AbaGwebi Chapter 14 is part of the Book of AbaGwebi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete AbaGwebi Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from abagwebi

  1. AbaGwebi Chapter 1
  2. AbaGwebi Chapter 12
  3. AbaGwebi Chapter 11
  4. AbaGwebi Chapter 19
  5. AbaGwebi Chapter 3
  6. AbaGwebi Chapter 2
  7. AbaGwebi Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. IDuteronomi Chapter 33
  2. IGenesis Chapter 37
  3. ImiZekeliso Chapter 24
  4. INumeri Chapter 22
  5. 1 YeziKronike Chapter 21
  6. ILevitikus Chapter 10
  7. 2 KaSamuweli Chapter 23

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 11
  2. IZenzo Chapter 17
  3. IEksodus Chapter 27
  4. IiNdumiso Chapter 49
  5. UMateyu Chapter 7
  6. AbaGwebi Chapter 1
  7. IDuteronomi Chapter 5
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *