Read AbaGwebi Chapter 3 Online
Read AbaGwebi Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of AbaGwebi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
AbaGwebi 3
Isahluko 3
1. Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;
2. ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zanga phambili zazingazazi:
3. izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati.
4. Abo ke babengabokulinga amaSirayeli, ukuze kwazeke ukuba oyiphulaphula na imithetho kaYehova, awayiwisela ooyise ngesandla sikaMoses.
5. Bahlala ke oonyana bakaSirayeli phakathi kwamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
6. Bazizeka iintombi zawo zaba ngabafazi babo, bendisa iintombi zabo koonyana bawo, bakhonza oothixo bawo.
7. Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali nooAshera.
8. Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo; bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.
9. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi.
10. Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushan-rishatayim.
11. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
12. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enze ububi emehlweni kaYehova.
13. Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
14. Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.
15. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
16. UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangeni lakhe lokunene.
17. Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.
18. Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.
19. Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.
20. Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.
21. UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangeni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe.
22. Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.
23. Waphuma uEhude waya evarandeni, wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.
24. Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel’ ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.
25. Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.
26. UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.
27. Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, ephambi kwabo yena.
28. Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, abavuma ukuba kuwele mntu.
29. Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angathi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.
30. Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.
31. Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.
About AbaGwebi Chapter 3
Read AbaGwebi Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: AbaGwebi
Chapter: 3
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading AbaGwebi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading AbaGwebi Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is AbaGwebi Chapter 3?
AbaGwebi Chapter 3 is part of the Book of AbaGwebi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete AbaGwebi Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from abagwebi
- AbaGwebi Chapter 1
- AbaGwebi Chapter 14
- AbaGwebi Chapter 12
- AbaGwebi Chapter 11
- AbaGwebi Chapter 19
- AbaGwebi Chapter 2
- AbaGwebi Chapter 20
Explore More from ITestamente Endala
- UYona Chapter 1
- 1 KaSamuweli Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 49
- UZekariya Chapter 8
- UHagayi Chapter 1
- 1 YooKumkani Chapter 19
- UYoshuwa Chapter 22