IsiTyhilelo Chapter 3

For English

Read IsiTyhilelo Chapter 3 Online

Read IsiTyhilelo Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IsiTyhilelo and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IsiTyhilelo 3

Isahluko 3

1. Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi: Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.

2. Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.

3. Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, ugcine, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.

4. Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.

5. Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

6. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

7. Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi: Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi:

8. Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.

9. Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.

10. Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.

11. Yabona, ndiza kamsinya; kubambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.

12. Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.

13. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

14. Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi: Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:

15. Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.

16. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.

17. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze;

18. ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.

19. Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.

20. Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.

21. Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

22. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

About IsiTyhilelo Chapter 3

Read IsiTyhilelo Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IsiTyhilelo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IsiTyhilelo
Chapter: 3
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IsiTyhilelo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IsiTyhilelo Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IsiTyhilelo Chapter 3?

IsiTyhilelo Chapter 3 is part of the Book of IsiTyhilelo in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IsiTyhilelo Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from isityhilelo

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. IsiTyhilelo Chapter 13
  7. IsiTyhilelo Chapter 22

Explore More from ITestamente Entsha

  1. ULuka Chapter 20
  2. UMarko Chapter 9
  3. KumaGalati Chapter 1
  4. 1 UYohane Chapter 4
  5. KwabaseRoma Chapter 16
  6. IZenzo Chapter 10
  7. 1 KaPetros Chapter 5

Related Chapters & Readings

  1. AbaGwebi Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 14
  3. EkaYakobi Chapter 2
  4. 1 YeziKronike Chapter 29
  5. 1 KaSamuweli Chapter 10
  6. 1 KaSamuweli Chapter 26
  7. IsiTyhilelo Chapter 12
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *