AbaGwebi Chapter 4

For English

Read AbaGwebi Chapter 4 Online

Read AbaGwebi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of AbaGwebi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

AbaGwebi 4

Isahluko 4

1. Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude.

2. UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthetheli-mkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga.

3. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.

4. Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha.

5. Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.

6. Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon?

7. Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.

8. Wathi uBharaki kuye, Ukuba uthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga ubambe nam, andiyi kuhamba.

9. Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.

10. UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela.

11. Wenyuka naye uDebhora. Ke kaloku uHebhere, umKeni, wayezahlule kumaKeni, koonyana bakaHobhabhi, uyise womkaMoses, wazimisa iintente zakhe, zaya kuma ngoMoki waseTsahanayim ngaseKedeshe.

12. Waxelelwa uSisera ukuba uBharaki, unyana ka-Abhinowam, unyuke weza entabeni yeTabhore.

13. USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon.

14. Wathi uDebhora kuBharaki, Suk’ ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.

15. UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo.

16. UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye.

17. USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni.

18. Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo.

19. Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela.

20. Wathi kuye, Yima emnyango ententeni; kothi, ukuba kuze umntu, wabuza wathi, Kukho umntu na apha? uthi, Hayi.

21. UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.

22. Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni.

23. UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli.

24. Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan.

About AbaGwebi Chapter 4

Read AbaGwebi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: AbaGwebi
Chapter: 4
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading AbaGwebi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading AbaGwebi Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is AbaGwebi Chapter 4?

AbaGwebi Chapter 4 is part of the Book of AbaGwebi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete AbaGwebi Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from abagwebi

  1. AbaGwebi Chapter 1
  2. AbaGwebi Chapter 14
  3. AbaGwebi Chapter 12
  4. AbaGwebi Chapter 11
  5. AbaGwebi Chapter 19
  6. AbaGwebi Chapter 2
  7. AbaGwebi Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. UZekariya Chapter 2
  2. UHezekile Chapter 39
  3. IiNdumiso Chapter 136
  4. ILevitikus Chapter 21
  5. 2 YeziKronike Chapter 15
  6. UYoshuwa Chapter 3
  7. IiNdumiso Chapter 57

Related Chapters & Readings

  1. UYona Chapter 3
  2. IEksodus Chapter 40
  3. ULuka Chapter 10
  4. IDuteronomi Chapter 10
  5. ILevitikus Chapter 6
  6. 1 YooKumkani Chapter 6
  7. UYeremiya Chapter 50
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *