UZekariya Chapter 14

For English

Read UZekariya Chapter 14 Online

Read UZekariya Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UZekariya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UZekariya 14

Isahluko 14

1. Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho.

2. Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi.

3. Uya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.

4. Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.

5. Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.

6. Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.

7. Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.

8. Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo: esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.

9. UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.

10. Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.

11. Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.

12. Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe.

13. Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.

14. Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu.

15. Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakunaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.

16. Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba.

17. Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, anganelwa mvula.

18. Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.

19. Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.

20. Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, bubungcwele kuYehova; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.

21. Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.

About UZekariya Chapter 14

Read UZekariya Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UZekariya
Chapter: 14
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UZekariya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UZekariya Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UZekariya Chapter 14?

UZekariya Chapter 14 is part of the Book of UZekariya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UZekariya Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 3
  3. IiNdumiso Chapter 2
  4. IiNdumiso Chapter 14
  5. IiNdumiso Chapter 13
  6. IiNdumiso Chapter 7
  7. IiNdumiso Chapter 4

Explore More from uzekariya

  1. UZekariya Chapter 6
  2. UZekariya Chapter 13
  3. UZekariya Chapter 4
  4. UZekariya Chapter 9
  5. UZekariya Chapter 10
  6. UZekariya Chapter 8
  7. UZekariya Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. IsiTyhilelo Chapter 1
  2. 1 YooKumkani Chapter 13
  3. UHezekile Chapter 29
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9
  5. IGenesis Chapter 39
  6. 1 KaSamuweli Chapter 12
  7. INumeri Chapter 11
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *