IZenzo Chapter 14

For English

Read IZenzo Chapter 14 Online

Read IZenzo Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IZenzo and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IZenzo 14

Isahluko 14

1. Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike.

2. Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana.

3. Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.

4. Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.

5. Bathe ke, bakubon’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:

6. bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;

7. baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.

8. Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.

9. Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,

10. wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.

11. Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu.

12. Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus, noPawulos ngokuthi nguHermes, ekubeni ke ibinguye obesisithethi.

13. Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane.

14. Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka,

15. besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;

16. owathi ezizukulwaneni ezadlulayo waziyeka zonke iintlanga, ukuba zihambe ngezazo iindlela;

17. kanti ke noko akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali.

18. Besitsho, kwaba ngenkankulu ukuzidambisa iindimbane, ukuba zingabingeleli kubo.

19. Ke kaloku kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo, azixhokonxa iindimbane, amxuluba ngamatye uPawulos, amrholela ngaphandle komzi, eba ufile.

20. Uthe, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe.

21. Bewushumayezile loo mzi iindaba ezilungileyo, benze nabafundi abaneleyo, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe,

22. besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

23. Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.

24. Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili.

25. Bathi, belithethile ilizwi ePerga; behla baya kwa-Atali.

26. Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo.

27. Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.

28. Balibala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi.

About IZenzo Chapter 14

Read IZenzo Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IZenzo
Chapter: 14
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IZenzo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IZenzo Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IZenzo Chapter 14?

IZenzo Chapter 14 is part of the Book of IZenzo in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IZenzo Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from Izenzo

  1. IZenzo Chapter 4
  2. IZenzo Chapter 8
  3. IzEnzo Chapter 21
  4. IZenzo Chapter 22
  5. IZenzo Chapter 25
  6. IZenzo Chapter 13
  7. IzEnzo Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. 1 KwabaseKorinte Chapter 8
  2. INumeri Chapter 36
  3. IZenzo Chapter 12
  4. KwabaseEfese Chapter 4
  5. IiNdumiso Chapter 148
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 12
  7. ImiZekeliso Chapter 29
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *