1 YeziKronike Chapter 19

For English

Read 1 YeziKronike Chapter 19 Online

Read 1 YeziKronike Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YeziKronike and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 YeziKronike 19

Isahluko 19

1. Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe.

2. Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.

3. Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?

4. Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.

5. Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.

6. Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram ephakathi kweMilambo, nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwakaleetalente zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahashe.

7. Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.

8. Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.

9. Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.

10. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

11. Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon.

12. Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,

13. ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.

14. Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.

15. Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.

16. Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.

17. Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye.

18. Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.

19. Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Akavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

About 1 YeziKronike Chapter 19

Read 1 YeziKronike Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YeziKronike
Chapter: 19
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YeziKronike Chapter 19 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YeziKronike Chapter 19?

1 YeziKronike Chapter 19 is part of the Book of 1 YeziKronike in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YeziKronike Chapter 19 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yezikronike

  1. 1 YeziKronike Chapter 1
  2. 1 YeziKronike Chapter 28
  3. 1 YeziKronike Chapter 3
  4. 1 YeziKronike Chapter 29
  5. 1 YeziKronike Chapter 26
  6. 1 YeziKronike Chapter 25
  7. 1 YeziKronike Chapter 22

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 95
  2. UYeremiya Chapter 27
  3. UIsaya Chapter 48
  4. IiNdumiso Chapter 148
  5. 1 YeziKronike Chapter 14
  6. UHezekile Chapter 40
  7. IiNdumiso Chapter 75

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 56
  2. UYoshuwa Chapter 5
  3. IiNdumiso Chapter 3
  4. IZenzo Chapter 14
  5. UMarko Chapter 13
  6. UMateyu Chapter 7
  7. ImiZekeliso Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *