Read 1 KwabaseKorinte Chapter 16 Online
Read 1 KwabaseKorinte Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 KwabaseKorinte 16
Isahluko 16
1. Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani.
2. Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali.
3. Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem.
4. Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.
5. Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni.
6. Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.
7. Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.
8. Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;
9. kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.
10. Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam,
11. Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.
12. Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.
13. Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.
14. Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.
15. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),
16. ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.
17. Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;
18. kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.
19. Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.
20. Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.
21. Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos.
22. Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza.
23. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani.
24. Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen.
About 1 KwabaseKorinte Chapter 16
Read 1 KwabaseKorinte Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 KwabaseKorinte
Chapter: 16
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 KwabaseKorinte Chapter 16 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 KwabaseKorinte Chapter 16?
1 KwabaseKorinte Chapter 16 is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 KwabaseKorinte Chapter 16 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-kwabasekorinte
- 1 KwabaseKorinte Chapter 2
- 1 KwabaseKorinte Chapter 15
- 1 KwabaseKorinte Chapter 10
- 1 KwabaseKorinte Chapter 3
- 1 KwabaseKorinte Chapter 14
- 1 KwabaseKorinte Chapter 13
- 1 KwabaseKorinte Chapter 1
Explore More from ITestamente Entsha
- UYohane Chapter 17
- KwabaseRoma Chapter 6
- 2 KuTimoti Chapter 1
- ULuka Chapter 20
- KumaGalati Chapter 2
- IZenzo Chapter 15
- ULuka Chapter 2