UZekariya Chapter 10

For English

Read UZekariya Chapter 10 Online

Read UZekariya Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UZekariya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UZekariya 10

Isahluko 10

1. Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle.

2. Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.

3. Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni.

4. Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.

5. Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe.

6. Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.

7. Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.

8. Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.

9. Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.

10. Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.

11. UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.

12. Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.

About UZekariya Chapter 10

Read UZekariya Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UZekariya
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UZekariya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UZekariya Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UZekariya Chapter 10?

UZekariya Chapter 10 is part of the Book of UZekariya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UZekariya Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from uzekariya

  1. UZekariya Chapter 1
  2. UZekariya Chapter 11
  3. UZekariya Chapter 6
  4. UZekariya Chapter 3
  5. UZekariya Chapter 7
  6. UZekariya Chapter 13
  7. UZekariya Chapter 2

Related Chapters & Readings

  1. AbaGwebi Chapter 3
  2. IiNdumiso Chapter 74
  3. UYoshuwa Chapter 7
  4. 2 YeziKronike Chapter 4
  5. UHoseya Chapter 5
  6. 1 YeziKronike Chapter 10
  7. KwabaseKolose Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *