KwabaseEfese Chapter 5

For English

Read KwabaseEfese Chapter 5 Online

Read KwabaseEfese Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseEfese in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KwabaseEfese and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KwabaseEfese 5

Isahluko 5

1. Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda;

2. nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.

3. Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;

4. kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.

5. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.

6. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.

7. Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo.

8. Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.

9. Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;

10. nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.

11. Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.

12. Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.

13. Ke zonke ezi zinto, zakohlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.

14. Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.

15. Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;

16. nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.

17. Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.

18. Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;

19. nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,

20. nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;

21. nilulamelana ngokoyika uThixo.

22. Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;

23. ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.

24. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.

25. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;

26. ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;

27. ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.

28. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;

29. kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.

30. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo.

31. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.

32. Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla.

33. Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.

About KwabaseEfese Chapter 5

Read KwabaseEfese Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KwabaseEfese in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KwabaseEfese
Chapter: 5
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KwabaseEfese. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KwabaseEfese Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KwabaseEfese Chapter 5?

KwabaseEfese Chapter 5 is part of the Book of KwabaseEfese in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KwabaseEfese Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kwabaseefese

  1. KwabaseEfese Chapter 2
  2. KwabaseEfese Chapter 1
  3. KwabaseEfese Chapter 3
  4. KwabaseEfese Chapter 6
  5. KwabaseEfese Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 16
  2. IiNdumiso Chapter 113
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 11
  4. AbaGwebi Chapter 5
  5. IEksodus Chapter 34
  6. IiNdumiso Chapter 100
  7. 2 YooKumkani Chapter 18
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *