1 KwabaseKorinte Chapter 12

For English

Read 1 KwabaseKorinte Chapter 12 Online

Read 1 KwabaseKorinte Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 KwabaseKorinte 12

Isahluko 12

1. Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi.

2. Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako.

3. Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi uyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.

4. Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye.

5. Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye.

6. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.

7. Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke;

8. kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;

9. wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;

10. omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.

11. Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.

12. Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo.

13. Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;

14. kuba nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi.

15. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, luthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?

16. Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, ithi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?

17. Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?

18. Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo.

19. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?

20. Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba.

21. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum.

22. Asuka amalungu omzimba angathi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo.

23. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo.

24. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu;

25. ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;

26. kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.

27. Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.

28. Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.

29. Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na?

30. Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?

31. Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.

About 1 KwabaseKorinte Chapter 12

Read 1 KwabaseKorinte Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 KwabaseKorinte
Chapter: 12
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 KwabaseKorinte Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 KwabaseKorinte Chapter 12?

1 KwabaseKorinte Chapter 12 is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 KwabaseKorinte Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-kwabasekorinte

  1. 1 KwabaseKorinte Chapter 2
  2. 1 KwabaseKorinte Chapter 15
  3. 1 KwabaseKorinte Chapter 3
  4. 1 KwabaseKorinte Chapter 14
  5. 1 KwabaseKorinte Chapter 10
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 1
  7. 1 KwabaseKorinte Chapter 13

Explore More from ITestamente Entsha

  1. 1 KwabaseTesalonika Chapter 3
  2. 1 KwabaseKorinte Chapter 3
  3. ULuka Chapter 4
  4. UMateyu Chapter 7
  5. KwabaseRoma Chapter 11
  6. UYohane Chapter 2
  7. 2 KaPetros Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. UMarko Chapter 8
  2. IGenesis Chapter 43
  3. IiNdumiso Chapter 148
  4. UYeremiya Chapter 7
  5. IsiTyhilelo Chapter 18
  6. 2 KaSamuweli Chapter 10
  7. IiNdumiso Chapter 125
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *