Read 1 KwabaseKorinte Chapter 8 Online
Read 1 KwabaseKorinte Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 KwabaseKorinte 8
Isahluko 8
1. Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
2. Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
3. Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
4. Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.
5. Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi),
6. kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.
7. Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.
8. Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto.
9. Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.
10. Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?
11. Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela.
12. Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nisidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.
13. Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.
About 1 KwabaseKorinte Chapter 8
Read 1 KwabaseKorinte Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 KwabaseKorinte
Chapter: 8
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 KwabaseKorinte Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 KwabaseKorinte Chapter 8?
1 KwabaseKorinte Chapter 8 is part of the Book of 1 KwabaseKorinte in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 KwabaseKorinte Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-kwabasekorinte
- 1 KwabaseKorinte Chapter 15
- 1 KwabaseKorinte Chapter 2
- 1 KwabaseKorinte Chapter 14
- 1 KwabaseKorinte Chapter 10
- 1 KwabaseKorinte Chapter 9
- 1 KwabaseKorinte Chapter 6
- 1 KwabaseKorinte Chapter 12
Explore More from ITestamente Entsha
- KumaGalati Chapter 2
- 2 KwabaseKorinte Chapter 13
- 2 KuTimoti Chapter 2
- IsiTyhilelo Chapter 2
- 2 KwabaseTesalonika Chapter 2
- IZenzo Chapter 2
- KuTito Chapter 3