Read 2 YeziKronike Chapter 8 Online
Read 2 YeziKronike Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 YeziKronike 8
Isahluko 8
1. Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhe ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu,
2. imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.
3. Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa.
4. Wakha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati.
5. Wakha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo;
6. neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
7. Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;
8. koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.
9. Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
10. Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
11. Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.
12. Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;
13. ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.
14. Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.
15. Abatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.
16. Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
17. Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.
18. UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amane anamanci mahlanu eetalente zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.
About 2 YeziKronike Chapter 8
Read 2 YeziKronike Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 YeziKronike
Chapter: 8
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 YeziKronike Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 YeziKronike Chapter 8?
2 YeziKronike Chapter 8 is part of the Book of 2 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 YeziKronike Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2 Yezikronike
- 2 YeziKronike Chapter 21
- 2 YeziKronike Chapter 14
- 2 YeziKronike Chapter 13
- 2 YeziKronike Chapter 16
- 2 YeziKronike Chapter 15
- 2 YeziKronike Chapter 7
- 2 YeziKronike Chapter 5
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 108
- UHezekile Chapter 34
- ImiZekeliso Chapter 21
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
- UIsaya Chapter 50
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 148