2 KuTimoti Chapter 3

For English

Read 2 KuTimoti Chapter 3 Online

Read 2 KuTimoti Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KuTimoti in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KuTimoti and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

2 KuTimoti 3

Isahluko 3

1. Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.

2. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele,

3. abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi,

4. izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo;

5. benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.

6. Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko,

7. behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.

8. Kwangolo hlobo ke, bàthi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonákele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo.

9. Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya.

10. Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando,

11. unyamezelo, iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.

12. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

13. Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.

14. Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;

15. nokuba ùzazé kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.

16. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,

17. ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.

About 2 KuTimoti Chapter 3

Read 2 KuTimoti Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KuTimoti in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KuTimoti
Chapter: 3
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KuTimoti. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KuTimoti Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KuTimoti Chapter 3?

2 KuTimoti Chapter 3 is part of the Book of 2 KuTimoti in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KuTimoti Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kutimoti

  1. 2 KuTimoti Chapter 4
  2. 2 KuTimoti Chapter 2
  3. 2 KuTimoti Chapter 1

Explore More from ITestamente Entsha

  1. KwabaseRoma Chapter 5
  2. UYohane Chapter 15
  3. UYohane Chapter 20
  4. KwabaseFilipi Chapter 2
  5. UMateyu Chapter 5
  6. KwabaseRoma Chapter 8
  7. IsiTyhilelo Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. UYeremiya Chapter 48
  2. 1 YeziKronike Chapter 6
  3. AbaGwebi Chapter 5
  4. IiNdumiso Chapter 1
  5. ILevitikus Chapter 15
  6. KumaGalati Chapter 4
  7. 2 KaSamuweli Chapter 23
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *