UMarko Chapter 11

For English

Read UMarko Chapter 11 Online

Read UMarko Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMarko and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMarko 11

Isahluko 11

1. Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,

2. athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

3. Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.

4. Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.

5. Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?

6. Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.

7. Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.

8. Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.

9. Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.

10. Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

11. Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.

12. Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba.

13. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.

14. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.

15. Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.

16. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.

17. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.

18. Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.

19. Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.

20. Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.

21. Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.

22. Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

23. Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.

25. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

26. Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

27. Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kuze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;

28. bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?

29. Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

30. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.

31. Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

32. Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini—babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.

33. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

About UMarko Chapter 11

Read UMarko Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMarko
Chapter: 11
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMarko. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMarko Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMarko Chapter 11?

UMarko Chapter 11 is part of the Book of UMarko in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMarko Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. UYohane Chapter 1
  5. IsiTyhilelo Chapter 14
  6. IsiTyhilelo Chapter 8
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from umarko

  1. UMarko Chapter 2
  2. UMarko Chapter 4
  3. UMarko Chapter 3
  4. UMarko Chapter 1
  5. UMarko Chapter 8
  6. UMarko Chapter 15
  7. UMarko Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. UMateyu Chapter 2
  2. IGenesis Chapter 44
  3. UYoshuwa Chapter 3
  4. 1 YooKumkani Chapter 19
  5. UMateyu Chapter 6
  6. UYobhi Chapter 5
  7. UYeremiya Chapter 52
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *