UYoshuwa Chapter 3

For English

Read UYoshuwa Chapter 3 Online

Read UYoshuwa Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYoshuwa in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYoshuwa and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYoshuwa 3

Isahluko 3

1. Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso. Banduluka eShitim, bafika eYordan, yena noonyana bonke bamaSirayeli; balalisa khona bengekaweli.

2. Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu bacanda ababhali phakathi kweminquba;

3. babawisela abantu umthetho, besithi, Xa nithe nayibona ityeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, nababingeleli abangabaLevi beyithwele, nonduluka nani endaweni yenu, niyilandele.

4. Kodwa makubekho ithuba phakathi kwenu nayo, elingathi ngokulinganisa libe ngamawaka amabini eekubhite. Ize ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela enohamba ngayo; kuba anihambanga ngale ndlela ngaphambili.

5. Wathi uYoshuwa ebantwini, Zingcwaliseni; ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu.

6. Wathi uYoshuwa kubabingeleli, Thwalani ityeya yomnqophiso, niwele phambi kwabantu. Bayithwala ke ityeya yomnqophiso, bahamba phambi kwabantu.

7. Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhlanje ndiya kuqala ukukwenza mkhulu imihlweni amaSirayeli onke, ukuze azi ukuba ndiya kuba nawe, njengokuba ndibe ndinoMoses.

8. Uze ubawisele wena umthetho ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso, uthi, Xa nithe nafika elunxwemeni lwamanzi aseYordan, zenime eYordan.

9. Wathi uYoshuwa koonyana bakaSirayeli, Sondelani apha, nive amazwi kaYehova uThixo wenu.

10. Wathi ke uYoshuwa, Niya kwazi ngale nto ukuba uThixo ophilileyo uphakathi kwenu, eya kuwagqogqa kuphele phambi kwenu amaKanan, namaHeti, namaHivi, namaPerizi, namaGirgashi, nama-Amori, namaYebhusi.

11. Nantso ityeya yomnqophiso weNkosi yehlabathi lonke, ingena phambi kwenu eYordan.

12. Zithabatheleni ngoko amadoda abe lishumi elinamabini kuzo izizwe zakwaSirayeli, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni.

13. Kothi ke, xa zithe zamisa emanzini aseYordan iintende zeenyawo zababingeleli abathwele ityeya kaYehova, iNkosi yehlabathi lonke, asuke amanzi aseYordan anqamke, amanzi avela ngasintla eme, abe mfumba-nye.

14. Kwathi ke, ekundulukeni kwabantu ezintenteni zabo, ukuba bawele iYordan, nababingeleli bethwele ityeya yomnqophiso phambi kwabantu;

15. xa bafikayo eYordan abathwele ityeya xa zithi xumbu elunxwemeni lwamanzi iinyawo zababingeleli abathwele ityeya— iYordan izala ihamba ngaphandle kweendonga zayo zonke ngexesha lonke lokuvuna—

16. asuka ema amanzi avela ngasentla, aphakama aba mfumba-nye, kude kakhulu eAdam, umzi ongasecaleni leTsaretan; athi la ahlayo aya elwandle lweArabha, eLwandle lweTyuwa, anqamka aphela. Bawela ke abantu malunga neYeriko.

17. Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova bema bee bhuxe emhlabeni owomileyo phakathi kweYordan; awela onke amaSirayeli kowomileyo, lwada lwagqibela lonke uhlanga ukuwela iYordan.

About UYoshuwa Chapter 3

Read UYoshuwa Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYoshuwa in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYoshuwa
Chapter: 3
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYoshuwa. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYoshuwa Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYoshuwa Chapter 3?

UYoshuwa Chapter 3 is part of the Book of UYoshuwa in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYoshuwa Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from uyoshuwa

  1. UYoshuwa Chapter 16
  2. UYoshuwa Chapter 12
  3. UYoshuwa Chapter 7
  4. UYoshuwa Chapter 11
  5. UYoshuwa Chapter 15
  6. UYoshuwa Chapter 21
  7. UYoshuwa Chapter 9

Related Chapters & Readings

  1. 2 KwabaseTesalonika Chapter 3
  2. UMateyu Chapter 26
  3. INgoma yazo iiNgoma Chapter 2
  4. KumaHebhere Chapter 2
  5. UMateyu Chapter 19
  6. IiNdumiso Chapter 144
  7. KumaHebhere Chapter 13
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *