2 KaPetros Chapter 1

For English

Read 2 KaPetros Chapter 1 Online

Read 2 KaPetros Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaPetros in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KaPetros and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KaPetros 1

Isahluko 1

1. USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu:

2. uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu.

3. Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.

4. Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.

5. Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;

6. ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;

7. ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.

8. Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.

9. Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.

10. Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.

11. Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.

12. Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.

13. Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;

14. ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.

15. Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.

16. Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe.

17. Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye.

18. Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.

19. Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;

20. nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela.

21. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

About 2 KaPetros Chapter 1

Read 2 KaPetros Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaPetros in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KaPetros
Chapter: 1
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KaPetros. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KaPetros Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KaPetros Chapter 1?

2 KaPetros Chapter 1 is part of the Book of 2 KaPetros in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KaPetros Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2 Kapetros

  1. 2 KaPetros Chapter 2
  2. 2 KaPetros Chapter 3

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UMarko Chapter 4
  2. KuTito Chapter 2
  3. IZenzo Chapter 21
  4. IZenzo Chapter 1
  5. IsiTyhilelo Chapter 11
  6. KumaGalati Chapter 5
  7. UMateyu Chapter 13

Related Chapters & Readings

  1. 2 YooKumkani Chapter 5
  2. ILevitikus Chapter 24
  3. UMateyu Chapter 5
  4. UZekariya Chapter 5
  5. INumeri Chapter 23
  6. ULuka Chapter 11
  7. 1 KwabaseKorinte Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *