Read INumeri Chapter 11 Online
Read INumeri Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of INumeri and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
INumeri 11
Isahluko 11
1. Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.
2. Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.
3. Wathi igama laloo ndawo yiTabhera: ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.
4. Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubanina oya kusinika inyama sidle.
5. Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelize, kwaneekomkomere, neevatala, neelike, namatswele, nekinofile.
6. Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana yodwa emehlweni ethu.
7. Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire; ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.
8. Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.
9. Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.
10. Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.
11. Wathi uMoses kuYehova, Yinina ukuba umphathe kakubi, umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingababalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?
12. Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibase emhlabeni owawufungela ooyise?
13. Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.
14. Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.
15. Ukuba undenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabale; mandingabuboni ububi bam.
16. Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kumamadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.
17. Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.
18. Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.
19. Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;
20. nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?
21. Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke uthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.
22. Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona nazonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?
23. Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.
24. Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.
25. Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.
26. Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwayo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni.
27. Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya.
28. Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele.
29. Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!
30. Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.
31. Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite zombini, ukuphakama phezu komhlaba.
32. Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.
33. Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.
34. Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava; ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukayo.
35. Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.
About INumeri Chapter 11
Read INumeri Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: INumeri
Chapter: 11
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading INumeri. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading INumeri Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is INumeri Chapter 11?
INumeri Chapter 11 is part of the Book of INumeri in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete INumeri Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from inumeri
- INumeri Chapter 34
- INumeri Chapter 35
- INumeri Chapter 10
- INumeri Chapter 3
- INumeri Chapter 15
- INumeri Chapter 13
- INumeri Chapter 1
Explore More from ITestamente Endala
- IGenesis Chapter 12
- UYobhi Chapter 42
- IEksodus Chapter 26
- UHezekile Chapter 16
- UYoshuwa Chapter 19
- UIsaya Chapter 45
- IEksodus Chapter 3