ImiZekeliso Chapter 29

For English

Read ImiZekeliso Chapter 29 Online

Read ImiZekeliso Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ImiZekeliso 29

Isahluko 29

1. Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.

2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.

3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.

5. Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.

6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.

7. Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.

8. Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.

9. Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.

10. Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,

11. Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.

12. Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.

13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

14. Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.

15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17. Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.

18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.

20. Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

21. Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.

22. Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.

23. Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.

24. Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.

25. Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.

26. Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.

27. Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.

About ImiZekeliso Chapter 29

Read ImiZekeliso Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ImiZekeliso
Chapter: 29
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ImiZekeliso Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ImiZekeliso Chapter 29?

ImiZekeliso Chapter 29 is part of the Book of ImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ImiZekeliso Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from imizekeliso

  1. ImiZekeliso Chapter 20
  2. ImiZekeliso Chapter 19
  3. ImiZekeliso Chapter 10
  4. ImiZekeliso Chapter 23
  5. ImiZekeliso Chapter 14
  6. ImiZekeliso Chapter 4
  7. ImiZekeliso Chapter 31

Explore More from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 41
  2. IDuteronomi Chapter 19
  3. UDaniyeli Chapter 7
  4. UIsaya Chapter 27
  5. UHoseya Chapter 8
  6. INumeri Chapter 26
  7. 2 YooKumkani Chapter 20

Related Chapters & Readings

  1. IsiTyhilelo Chapter 12
  2. UMateyu Chapter 18
  3. ULuka Chapter 3
  4. IGenesis Chapter 2
  5. IZenzo Chapter 28
  6. UYoshuwa Chapter 2
  7. UYobhi Chapter 16
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *