INumeri Chapter 5

For English

Read INumeri Chapter 5 Online

Read INumeri Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of INumeri and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

INumeri 5

Isahluko 5

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, babakhuphe eminqubeni bonke abaneqhenqa, nabo bonke ababhobhozayo, nabo bonke abaziinqambi ngofileyo;

3. oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo.

4. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.

5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,

7. mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye.

8. Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.

9. Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, wobangowakhe.

10. Elowo izinto zakhe ezingcwele zoba zezakhe; elowo into ayinike umbingeleli, yoba yeyakhe.

11. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

12. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda ngendoda, xa athe umkayo wanxaxha, wayimenezelela,

13. kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa;

14. yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, eyinqambi yena; nokuba yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo engeyiyo inqambi:

15. indoda leyo mayimzise umkayo kumbingeleli, iwuzise umsondezo wakhe ngenxa yakhe, isahlulo seshumi se-efa yomgubo werhasi, ingagaleli oli phezu kwawo, ingabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba ngumnikelo wokudla wobukhwele, ngumnikelo wokudla wenkumbuzo, okhumbuza ubugwenxa obo.

16. Umbingeleli womsondeza, ammise phambi koYehova,

17. athabathe umbingeleli amanzi angcwele ngomphanda, athabathe umbingeleli naseluthulini olusemgangathweni womnquba, alugalele emanzini lawo.

18. Umbingeleli wommisa ke umfazi phambi koYehova, amcombulule iinwele loo mfazi, awubeke ezandleni zakhe umnikelo wokudla wenkumbuzo, umnikelo wokudla wobukhwele lowo, abe esesandleni sombingeleli amanzi obukrakra esiqalekiso;

19. umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, unendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso.

20. Ke wena, xa uthe wanxaxha, unendoda yakho, xa uthe wazenza inqambi, walalwa yenye indoda engeyiyo indoda yakho:

21. umbingeli womfungisa umfazi lowo isifungo— sokuzishwabulela, athi umbingeleli kumfazi, UYehova makakwenze isishwabulo, nesithuko phakathi kwabantu bakowenu, ngokuthi uYehova alintshwenyise ithanga lakho, asidumbise isisu sakho;

22. angene la manzi esiqalekiso embilinini wakho, akudumbise isisu, akuntshwenyise ithanga. Wothi loo mfazi, Amen, amen.

23. Makazibhale ezo zishwabulo umbingeleli encwadini, azicime ngaloo manzi obukrakra,

24. amseze umfazi amanzi obukrakra esiqalekiso, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra.

25. Wowuthabatha umbingeleli esandleni somfazi umnikelo wokudla wobukhwele, awutshangatshangise umnikelo wokudla phambi koYehova, amsondeze esibingelelweni;

26. asube umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni, emveni koko amseze umfazi amanzi lawo.

27. Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenze inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithanga lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo.

28. Ke ukuba lo mfazi ubengathanga azenze nqambi, uhlambulukile yena; woba msulwa, amithe.

29. Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi;

30. nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo.

31. Yoba msulwa ke indoda yakhe kobo bugwenxa, loo mfazi abuthwale obo bugwenxa bakhe.

About INumeri Chapter 5

Read INumeri Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: INumeri
Chapter: 5
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading INumeri. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading INumeri Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is INumeri Chapter 5?

INumeri Chapter 5 is part of the Book of INumeri in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete INumeri Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from inumeri

  1. INumeri Chapter 36
  2. INumeri Chapter 35
  3. INumeri Chapter 4
  4. INumeri Chapter 33
  5. INumeri Chapter 34
  6. INumeri Chapter 1
  7. INumeri Chapter 11

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 39
  2. IiNdumiso Chapter 13
  3. UYobhi Chapter 18
  4. 1 YooKumkani Chapter 22
  5. UYobhi Chapter 39
  6. 1 YooKumkani Chapter 12
  7. IiNdumiso Chapter 36

Related Chapters & Readings

  1. UYohane Chapter 15
  2. IsiTyhilelo Chapter 2
  3. KuFilemon Chapter 1
  4. UHoseya Chapter 6
  5. 2 YooKumkani Chapter 1
  6. IDuteronomi Chapter 17
  7. IsiTyhilelo Chapter 20
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *