UZekariya Chapter 9

For English

Read UZekariya Chapter 9 Online

Read UZekariya Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UZekariya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UZekariya 9

Isahluko 9

1. Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;

2. kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.

3. ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.

4. Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.

5. IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.

6. Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.

7. Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.

8. Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.

9. Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi ye-esile.

10. Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo luse eziphelweni zehlabathi.

11. Nawe, ngenxa yegazi lomnqophiso wakho, ndiyabandulula ababanjiweyo bakho, baphume emhadini ongenamanzi.

12. Buyelani enqabeni, babanjwandini banethemba; nanamhla ndiyaxela, ndithi, Ndiya kukubuyisela ngokuphindiweyo.

13. Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan, ndikwenze ube njengekrele legorha.

14. UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi.

15. UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.

16. Wobasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.

17. Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.

About UZekariya Chapter 9

Read UZekariya Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZekariya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UZekariya
Chapter: 9
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UZekariya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UZekariya Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UZekariya Chapter 9?

UZekariya Chapter 9 is part of the Book of UZekariya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UZekariya Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from uzekariya

  1. UZekariya Chapter 1
  2. UZekariya Chapter 4
  3. UZekariya Chapter 12
  4. UZekariya Chapter 6
  5. UZekariya Chapter 8
  6. UZekariya Chapter 3
  7. UZekariya Chapter 5

Related Chapters & Readings

  1. IsiTyhilelo Chapter 3
  2. IiNdumiso Chapter 131
  3. IEksodus Chapter 23
  4. 2 KaSamuweli Chapter 17
  5. 2 YooKumkani Chapter 4
  6. IiNdumiso Chapter 83
  7. UIsaya Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *