ImiZekeliso Chapter 28

For English

Read ImiZekeliso Chapter 28 Online

Read ImiZekeliso Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ImiZekeliso 28

Isahluko 28

1. Basaba bengasukelwa nto abangendawo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.

2. Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo; Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.

3. Umfo oyintloko ekucudiseni izisweli Yimwula etshayelayo, ingasalisi kudla.

4. Abashiya umyalelo badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.

5. Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.

6. Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.

7. Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.

8. Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso, Ubuthela obabala izisweli.

9. Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.

10. Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.

11. Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo; Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.

12. Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; Ekuphakameni kwabangendawo, abaveli nokuvela abantu.

13. Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.

14. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.

15. Uyingonyama egqumayo, uyibhere ebhaduliswa kukulamba, Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.

16. Hayi, inganga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi! Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.

17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumlo Usabela nasemhadini makangabanjezelwa.

18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa, Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlutha sisonka; Osukela izinto ezingento uya kuhlutha bubuhlwempu.

20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.

21. Ukukhetha ubuso akulungile; Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angade aphosise.

22. Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba; Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.

23. Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo, Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.

24. Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo, Ulidlelane lendoda engumonakalisi.

25. Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.

26. Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge; Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.

27. Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.

28. Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.

About ImiZekeliso Chapter 28

Read ImiZekeliso Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ImiZekeliso
Chapter: 28
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ImiZekeliso Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ImiZekeliso Chapter 28?

ImiZekeliso Chapter 28 is part of the Book of ImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ImiZekeliso Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from imizekeliso

  1. ImiZekeliso Chapter 10
  2. ImiZekeliso Chapter 23
  3. ImiZekeliso Chapter 19
  4. ImiZekeliso Chapter 11
  5. ImiZekeliso Chapter 14
  6. ImiZekeliso Chapter 12
  7. ImiZekeliso Chapter 7

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 14
  2. UZekariya Chapter 3
  3. UHezekile Chapter 32
  4. IiNdumiso Chapter 16
  5. UIsaya Chapter 39
  6. 2 YeziKronike Chapter 31
  7. UIsaya Chapter 65

Related Chapters & Readings

  1. KumaHebhere Chapter 13
  2. IiNdumiso Chapter 141
  3. 1 YeziKronike Chapter 19
  4. IiNdumiso Chapter 34
  5. IGenesis Chapter 32
  6. 1 KuTimoti Chapter 1
  7. 1 KaSamuweli Chapter 15
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *