1 KaPetros Chapter 5

For English

Read 1 KaPetros Chapter 5 Online

Read 1 KaPetros Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KaPetros and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 KaPetros 5

Isahluko 5

1. Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka.

2. Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;

3. kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.

4. Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.

5. Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.

6. Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.

7. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.

8. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;

9. mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

10. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

11. Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

12. NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.

13. Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa.

14. Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen.

About 1 KaPetros Chapter 5

Read 1 KaPetros Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 KaPetros
Chapter: 5
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KaPetros. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 KaPetros Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 KaPetros Chapter 5?

1 KaPetros Chapter 5 is part of the Book of 1 KaPetros in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 KaPetros Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1 Kapetros

  1. 1 KaPetros Chapter 1
  2. 1 KaPetros Chapter 3
  3. 1 KaPetros Chapter 2
  4. 1 KaPetros Chapter 4

Explore More from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 6
  2. 1 KuTimoti Chapter 1
  3. KumaGalati Chapter 1
  4. IZenzo Chapter 20
  5. KumaHebhere Chapter 13
  6. 1 UYohane Chapter 1
  7. ULuka Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. KumaHebhere Chapter 5
  2. IiNdumiso Chapter 113
  3. UAmos Chapter 5
  4. KwabaseRoma Chapter 13
  5. IsiTyhilelo Chapter 21
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 11
  7. UYona Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *