IZenzo Chapter 25

For English

Read IZenzo Chapter 25 Online

Read IZenzo Chapter 25 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IZenzo and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IZenzo 25

Isahluko 25

1. Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.

2. Ke kaloku, umbingeleli omkhulu nabaziintloko kumaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,

3. becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

4. Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

5. Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

6. Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

7. Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

8. esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto.

9. Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Uyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?

10. Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.

11. Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

12. Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ubhenele kuKesare; uya kuya kuKesare.

13. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.

14. Bakulibala khona ke imihla emininzi, uFesto wazandlala phambi kokumkani lowo izinto ezingaye uPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis,

15. ikhonkxiwe, abathe ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda, oko ndibe ndiseYerusalem, bayimangalela, becela ukuba igwetywe.

16. Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.

17. Bakuba ngoko bebuthelene apha, andilibazisanga; ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe indoda leyo.

18. Abamangaleli bayo, bakuvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizindlela kuzo mna;

19. ke baye beneembuzwano ezithile nayo ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.

20. Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Unga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?

21. Akubon’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.

22. Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Uya kumva ngomso.

23. Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.

24. Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;

25. mna ke ndithe ndakuqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon’ ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,

26. endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;

27. kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.

About IZenzo Chapter 25

Read IZenzo Chapter 25 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IZenzo
Chapter: 25
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IZenzo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IZenzo Chapter 25 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IZenzo Chapter 25?

IZenzo Chapter 25 is part of the Book of IZenzo in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IZenzo Chapter 25 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from Izenzo

  1. IzEnzo Chapter 18
  2. IZenzo Chapter 9
  3. IZenzo Chapter 13
  4. IZenzo Chapter 20
  5. IZenzo Chapter 7
  6. IZenzo Chapter 18
  7. IZenzo Chapter 27

Related Chapters & Readings

  1. UDaniyeli Chapter 11
  2. 2 KaSamuweli Chapter 9
  3. 2 KaSamuweli Chapter 17
  4. UYobhi Chapter 36
  5. IDuteronomi Chapter 10
  6. UEstere Chapter 10
  7. ILevitikus Chapter 17
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *