UEzra Chapter 10

For English

Read UEzra Chapter 10 Online

Read UEzra Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UEzra and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UEzra 10

Isahluko 10

1. Ke kaloku akuthandaza Uezra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.

2. Waphendula uShekaniya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kUezra, Senze ubumenemene kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zelizwe eli; kodwa kusekho ithemba kumaSirayeli ngale nto.

3. Masimenzele ngoku umnqophiso uThixo wethu, wokuba sibakhuphe bonke abafazi nabazelwe ngabo, ngokwecebo lenkosi yam, nelabagubhela imithetho yoThixo wethu; makwenziwe ngokomyalelo.

4. Vuka, ngokuba le nto iphezu kwakho; singakuwe; yomelela, wenze.

5. Wavuka Uezra, wabafungisa abathetheli bababingeleli, nababaLevi, nabamaSirayeli onke, ukuba benze ngokwelo lizwi; bafunga ke.

6. Wesuka uUezra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswayo.

7. Bahambisa ilizwi kwaYuda naseYerusalem, kubo bonke oonyana basemfudusweni, lokuba babuthelane eYerusalem;

8. bathi, bonke abathe abeza ngesithuba semihla emithathu, ngokwecebo labathetheli nelamadoda amakhulu, mayisingelwe phantsi yonke impahla yabo; ke bona ngokwabo bahlulwe nebandla lasemfudusweni.

9. Abuthelana eYerusalem onke amadoda akwaYuda nawakwaBhenjamin ngeentsuku ezintathu; yaye iyinyanga yesithoba, ngowamashumi amabini umhla wenyanga leyo. Bahlala bonke abantu ebaleni lendlu kaThixo, bengcangcazela yile nto, naziimvula.

10. Wesuka wema uUezra umbingeleli, wathi kubo, Nenze ubumenemene; nizeke abafazi bezinye iintlanga, ukuze nongeze etyaleni lamaSirayeli.

11. Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.

12. Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho;

13. kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi asingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba sone kakhulu ngale nto.

14. Abathetheli bethu ke mabalimele ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeke abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.

15. NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.

16. Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooUezra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.

17. Bayigqiba into yonke yamadoda abezeke abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.

18. Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.

19. Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;

20. koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;

21. koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;

22. koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa;

23. nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere;

24. kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri;

25. kumaSirayeli: koonyana bakaParoshe yanguRamiya, noIziya, noMalekiya, noMiyamin, noElazare, noMalekiya, noBhenaya;

26. koonyana bakaElam yanguMataniya, noZekariya, noYehiyeli, noAbhedi, noYeremoti, noEliya;

27. koonyana bakaZatu yanguEliyohenayi, noEliyashibhi, noMataniya, noYeremoti, noZabhadi, noAziza;

28. nakoonyana bakaBhebhayi yanguYohanan, noHananiya, noZabhadi, noAtelayi;

29. koonyana bakaBhani yanguMeshulam, noMaluki, noAdaya, noYashubhi, noShehali, noYeremoti;

30. koonyana bakaPahati wakwaMowabhi yanguAdena, noKelali, noBhenaya, noMahaseya, noMataniya, noBhetsaleli, noBhinwi, noManase;

31. koonyana bakaHarim yanguEliyezere, noIshiya, noMalekiya, noShemaya, noSimon,

32. noBhenjamin, noMaluki, noShemariya;

33. koonyana bakaHashum yanguMatenayi, noMatata, noZabhadi, noElifelete, noYeremayi, noManase, noShimehi;

34. koonyana bakaBhani yanguMahadayi, noAmram, noUweli,

35. noBhenaya, noBhedeya, noKelwi,

36. noVaniya, noMeremoti, noEliyashibhi,

37. noMataniya, noMatenayi, noYahasavi,

38. noBhani, noBhinwi, noShimehi,

39. noShelemiya, noNatan, noAdaya,

40. noMakenadebhayi, noShashayi, noSharayi,

41. noAzareli, noShelemiya, noShemariya,

42. noShalum, noAmariya, noYosefu;

43. koonyana bakaNabho yanguYehiyeli, noMatitiya, noZabhadi, noZebhina, noYadayi, noYoweli, noBhenaya.

44. Bonke abo babezeke abafazi bezinye iintlanga. Bekukho phakathi kwabo abafazi ababezele oonyana.

About UEzra Chapter 10

Read UEzra Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UEzra
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UEzra. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UEzra Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UEzra Chapter 10?

UEzra Chapter 10 is part of the Book of UEzra in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UEzra Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. ILevitikus Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 3
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from uezra

  1. UEzra Chapter 1
  2. UEzra Chapter 3
  3. UEzra Chapter 2
  4. UEzra Chapter 4
  5. UEzra Chapter 8
  6. UEzra Chapter 7
  7. UEzra Chapter 9

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 143
  2. UHezekile Chapter 27
  3. ULuka Chapter 5
  4. 2 YeziKronike Chapter 26
  5. ILevitikus Chapter 16
  6. 2 YeziKronike Chapter 6
  7. KwabaseRoma Chapter 16
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *