Read UAmos Chapter 8 Online
Read UAmos Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UAmos in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UAmos and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UAmos 8
Isahluko 8
1. Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni.
2. Yathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.
3. Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!
4. Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi,
5. Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa, sikhulise ishekele, sigqwethe isikali, sibe sesokukhohlisa?
6. ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa?
7. Ulifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke.
8. Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwuthe njengoMnayile waseYiputa?
9. Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo.
10. Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra.
11. Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.
12. Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani.
13. Ngaloo mini uya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano.
14. Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka.
About UAmos Chapter 8
Read UAmos Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UAmos in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UAmos
Chapter: 8
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UAmos. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UAmos Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UAmos Chapter 8?
UAmos Chapter 8 is part of the Book of UAmos in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UAmos Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from uamos
- UAmos Chapter 1
- UAmos Chapter 6
- UAmos Chapter 7
- UAmos Chapter 4
- UAmos Chapter 9
- UAmos Chapter 2
- UAmos Chapter 5