Read 1 UYohane Chapter 2 Online
Read 1 UYohane Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 UYohane and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 UYohane 2
Isahluko 2
1. Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.
2. Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela.
3. Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.
4. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso.
5. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.
6. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.
7. Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni.
8. Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala.
9. Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku.
10. Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso.
11. Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.
12. Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.
13. Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwana, ngokuba nimazile uYise.
14. Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo.
15. Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye.
16. Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini.
17. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.
18. Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela.
19. Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
20. Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.
21. Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.
22. Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.
23. Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise.
24. Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.
25. Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.
26. Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.
27. Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.
28. Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe.
29. Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.
About 1 UYohane Chapter 2
Read 1 UYohane Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 UYohane
Chapter: 2
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 UYohane Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 UYohane Chapter 2?
1 UYohane Chapter 2 is part of the Book of 1 UYohane in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 UYohane Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-uyohane
Explore More from ITestamente Entsha
- 2 KwabaseTesalonika Chapter 2
- 2 KwabaseKorinte Chapter 4
- IsiTyhilelo Chapter 21
- UMateyu Chapter 22
- KwabaseEfese Chapter 5
- IZenzo Chapter 7
- IZenzo Chapter 23