2 YeziKronike Chapter 19

For English

Read 2 YeziKronike Chapter 19 Online

Read 2 YeziKronike Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YeziKronike and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 YeziKronike 19

Isahluko 19

1. Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.

2. Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.

3. Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.

4. Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.

5. Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.

6. Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba.

7. Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.

8. Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.

9. Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.

10. Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.

11. Nanko uAmariya umbingeleli omkhulu, ephezu kwenu ezintweni zonke zikaYehova; noZebhadiya unyana kaIshmayeli, inganga yendlu yakwaYuda, ezintweni zonke zokumkani; nabaLevi boba ngababhali phambi kwenu. Yomelelani nenze; uYehova woba nolungileyo kuni.

About 2 YeziKronike Chapter 19

Read 2 YeziKronike Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 YeziKronike
Chapter: 19
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 YeziKronike Chapter 19 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 YeziKronike Chapter 19?

2 YeziKronike Chapter 19 is part of the Book of 2 YeziKronike in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 YeziKronike Chapter 19 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2 Yezikronike

  1. 2 YeziKronike Chapter 21
  2. 2 YeziKronike Chapter 14
  3. 2 YeziKronike Chapter 13
  4. 2 YeziKronike Chapter 16
  5. 2 YeziKronike Chapter 15
  6. 2 YeziKronike Chapter 7
  7. 2 YeziKronike Chapter 1

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 6
  2. UHezekile Chapter 31
  3. URute Chapter 1
  4. 1 KaSamuweli Chapter 1
  5. UHezekile Chapter 4
  6. UYobhi Chapter 14
  7. 1 KaSamuweli Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. IDuteronomi Chapter 2
  2. IGenesis Chapter 19
  3. ImiZekeliso Chapter 30
  4. IiNdumiso Chapter 124
  5. UYohane Chapter 17
  6. IziLilo Chapter 4
  7. 1 KaPetros Chapter 3
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *