Read 2 YeziKronike Chapter 12 Online
Read 2 YeziKronike Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 YeziKronike 12
Isahluko 12
1. Kwathi bakubon’ ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
2. Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;
3. enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.
4. Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.
5. Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.
6. Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Ulilungisa uYehova.
7. Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.
8. Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.
9. Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
10. Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
11. Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphethe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.
12. Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angamtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.
13. Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
14. Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.
15. Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke.
16. URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
About 2 YeziKronike Chapter 12
Read 2 YeziKronike Chapter 12 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 YeziKronike
Chapter: 12
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 YeziKronike Chapter 12 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 YeziKronike Chapter 12?
2 YeziKronike Chapter 12 is part of the Book of 2 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 YeziKronike Chapter 12 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2 Yezikronike
- 2 YeziKronike Chapter 21
- 2 YeziKronike Chapter 14
- 2 YeziKronike Chapter 13
- 2 YeziKronike Chapter 16
- 2 YeziKronike Chapter 15
- 2 YeziKronike Chapter 7
- 2 YeziKronike Chapter 1
Explore More from ITestamente Endala
- IGenesis Chapter 33
- 2 YeziKronike Chapter 32
- IGenesis Chapter 50
- UYobhi Chapter 31
- UYeremiya Chapter 2
- 2 KaSamuweli Chapter 20
- 1 YooKumkani Chapter 4