ULuka Chapter 15

For English

Read ULuka Chapter 15 Online

Read ULuka Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ULuka and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ULuka 15

Isahluko 15

1. Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.

2. Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.

3. Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,

4. Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?

5. Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.

6. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.

7. Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

8. Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?

9. Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.

10. Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

11. Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.

12. Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.

13. Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.

14. Akubon’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.

15. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu.

16. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.

17. Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?

18. Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.

19. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.

20. Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.

21. Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.

22. Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.

23. Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.

24. Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.

25. Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.

26. Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.

27. Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.

28. Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza.

29. Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;

30. kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo.

31. Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho.

32. Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.

About ULuka Chapter 15

Read ULuka Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ULuka in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ULuka
Chapter: 15
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ULuka. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ULuka Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ULuka Chapter 15?

ULuka Chapter 15 is part of the Book of ULuka in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ULuka Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IZenzo Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 26
  3. IZenzo Chapter 13
  4. IZenzo Chapter 7
  5. IZenzo Chapter 18
  6. IZenzo Chapter 12
  7. IZenzo Chapter 8

Explore More from uluka

  1. ULuka Chapter 10
  2. ULuka Chapter 1
  3. ULuka Chapter 5
  4. ULuka Chapter 11
  5. ULuka Chapter 8
  6. ULuka Chapter 18
  7. ULuka Chapter 16

Related Chapters & Readings

  1. UYobhi Chapter 33
  2. UYohane Chapter 5
  3. UEzra Chapter 10
  4. IiNdumiso Chapter 11
  5. 2 YooKumkani Chapter 5
  6. UIsaya Chapter 43
  7. IDuteronomi Chapter 26
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *