1 KaPetros Chapter 4

For English

Read 1 KaPetros Chapter 4 Online

Read 1 KaPetros Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KaPetros and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 KaPetros 4

Isahluko 4

1. Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni;

2. ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo.

3. Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;

4. abathe nqa ngako ukuba ningabaleki kunye nabo, ukuya kwakuwo loo melelo wokuzibhubhisa, benyelisa;

5. abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo.

6. Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.

7. Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze.

8. Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono.

9. Bukanani, ningenakukrokra.

10. Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo.

11. Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

12. Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa.

13. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.

14. Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.

15. Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo.

16. Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.

17. Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?

18. Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na?

19. Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

About 1 KaPetros Chapter 4

Read 1 KaPetros Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 KaPetros
Chapter: 4
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KaPetros. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 KaPetros Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 KaPetros Chapter 4?

1 KaPetros Chapter 4 is part of the Book of 1 KaPetros in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 KaPetros Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1 Kapetros

  1. 1 KaPetros Chapter 1
  2. 1 KaPetros Chapter 2
  3. 1 KaPetros Chapter 5
  4. 1 KaPetros Chapter 3

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UMarko Chapter 3
  2. UYohane Chapter 21
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. 2 UYohane Chapter 1
  5. IZenzo Chapter 17
  6. UMateyu Chapter 5
  7. UMarko Chapter 8

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 26
  2. UYohane Chapter 16
  3. UYeremiya Chapter 18
  4. 2 YeziKronike Chapter 20
  5. IEksodus Chapter 40
  6. 1 YeziKronike Chapter 24
  7. 1 KaSamuweli Chapter 7
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *