KumaHebhere Chapter 7

For English

Read KumaHebhere Chapter 7 Online

Read KumaHebhere Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaHebhere in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KumaHebhere and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KumaHebhere 7

Isahluko 7

1. Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;

2. awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;

3. engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.

4. Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wathi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.

5. Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.

6. Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.

7. Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.

8. Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.

9. Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;

10. kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.

11. Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?

12. Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.

13. Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo.

14. Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.

15. Kwaza kwasekuhleni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,

16. ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.

17. Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.

18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo

19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.

20. Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungabangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;

21. kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):

22. ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.

23. Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;

24. ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.

25. Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.

26. Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu;

27. ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini.

28. Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade.

About KumaHebhere Chapter 7

Read KumaHebhere Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaHebhere in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KumaHebhere
Chapter: 7
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KumaHebhere. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KumaHebhere Chapter 7 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KumaHebhere Chapter 7?

KumaHebhere Chapter 7 is part of the Book of KumaHebhere in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KumaHebhere Chapter 7 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kumahebhere

  1. KumaHebhere Chapter 6
  2. KumaHebhere Chapter 10
  3. KumaHebhere Chapter 1
  4. KumaHebhere Chapter 5
  5. KumaHebhere Chapter 13
  6. KumaHebhere Chapter 2
  7. KumaHebhere Chapter 11

Related Chapters & Readings

  1. IZenzo Chapter 8
  2. ULuka Chapter 4
  3. UYeremiya Chapter 6
  4. IiNdumiso Chapter 17
  5. 2 YeziKronike Chapter 30
  6. KwabaseFilipi Chapter 4
  7. IiNdumiso Chapter 50
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *