Read KumaHebhere Chapter 1 Online
Read KumaHebhere Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaHebhere in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KumaHebhere and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
KumaHebhere 1
Isahluko 1
1. UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;
2. awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
3. othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;
4. ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.
5. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam?
6. Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.
7. Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;
8. kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
9. Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.
10. Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;
11. Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala,
12. Nanjengesambatho uya kuwasonga, Asuke abe ngawambi; Ke wena ukwanguwe, Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.
13. Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
14. Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?
About KumaHebhere Chapter 1
Read KumaHebhere Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaHebhere in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: KumaHebhere
Chapter: 1
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KumaHebhere. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading KumaHebhere Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is KumaHebhere Chapter 1?
KumaHebhere Chapter 1 is part of the Book of KumaHebhere in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete KumaHebhere Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from kumahebhere
- KumaHebhere Chapter 11
- KumaHebhere Chapter 5
- KumaHebhere Chapter 8
- KumaHebhere Chapter 9
- KumaHebhere Chapter 7
- KumaHebhere Chapter 2
- KumaHebhere Chapter 13