1 KwabaseTesalonika Chapter 4

For English

Read 1 KwabaseTesalonika Chapter 4 Online

Read 1 KwabaseTesalonika Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseTesalonika in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KwabaseTesalonika and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 KwabaseTesalonika 4

Isahluko 4

1. Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi.

2. Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu.

3. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo;

4. ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko;

5. angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;

6. ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa.

7. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni.

8. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.

9. Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane;

10. kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi;

11. nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo;

12. ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto.

13. Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona.

14. Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye.

15. Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa.

16. Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala;

17. sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.

18. Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.

About 1 KwabaseTesalonika Chapter 4

Read 1 KwabaseTesalonika Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KwabaseTesalonika in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 KwabaseTesalonika
Chapter: 4
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KwabaseTesalonika. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 KwabaseTesalonika Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 KwabaseTesalonika Chapter 4?

1 KwabaseTesalonika Chapter 4 is part of the Book of 1 KwabaseTesalonika in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 KwabaseTesalonika Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-kwabasetesalonika

  1. 1 KwabaseTesalonika Chapter 5
  2. 1 KwabaseTesalonika Chapter 3
  3. 1 KwabaseTesalonika Chapter 2
  4. 1 KwabaseTesalonika Chapter 1

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UMateyu Chapter 6
  2. 1 KaPetros Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 4
  4. UMateyu Chapter 17
  5. IsiTyhilelo Chapter 13
  6. IsiTyhilelo Chapter 20
  7. 2 KuTimoti Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. UYeremiya Chapter 31
  2. 1 KwabaseKorinte Chapter 1
  3. ILevitikus Chapter 4
  4. 2 KaSamuweli Chapter 20
  5. 2 KaSamuweli Chapter 11
  6. UMarko Chapter 12
  7. 2 KaSamuweli Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *