Read UYoshuwa Chapter 17 Online
Read UYoshuwa Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYoshuwa in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYoshuwa and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYoshuwa 17
Isahluko 17
1. Saba neqashiso naso isizwe sakwaManase; ngokuba ngowamazibulo kuYosefu. Laba noMakire, owamazibulo kuManase, laba noyise kaGiliyadi; laba naye elaseGiliyadi nelaseBhashan,
2. kuba ebeyindoda yokulwa; laba nabanye oonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo; laba noonyana baka-Abhihezere, noonyana bakaHeleki, noonyana baka-Aseriyeli, noonyana bakaShekem, noonyana bakaHefere, noonyana bakaShemida; ngabo abo abantwana abangamadoda bakaManase, unyana kaYosefu, ngokwemizalwane yabo.
3. Ke uTselofehade, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ebengenanyana; ebeneentombi zodwa. Ngawo la amagama eentombi zakhe: uMala, noNoha, noHogela, neMilka, noTirtsa.
4. Zasondela phambi koElazare umbingeleli, naphambi koYoshuwa unyana kaNun, naphambi kwezikhulu, zathi, UYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Wazinika ke ngokomlomo kaYehova ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.
5. Zaba lishumi ke izabelo kuManase, ngaphandle kwelizwe laseGiliyadi, neBhashan ephesheya kweYordan;
6. ngokuba iintombi zikaManase zabelwa ilifa phakathi koonyana bakhe; lathi nelizwe laseGiliyadi laba lelabanye oonyana bakaManase.
7. Umda kaManase wathabathela kwa-Ashere, waya eMikemetati ephambi kowakwaShekem; wahamba umda ngasekunene, waya kubemi base-En-tapuwa.
8. UManase waba nelizwe laseTapuwa; ke iTapuwa, ngasemdeni wakwaManase, yaba yeyonyana bakaEfrayim.
9. Wehla umda waya eMlanjaneni weeNgcongolo, ezantsi komlanjana. Le mizi ilunge kuEfrayim yaba phakathi kwemizi kaManase: nommandla wakwaManase wawungasentla komlanjana; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.
10. Ngasezantsi laba lelikaEfrayim, ngasentla laba lelikaManase; ulwandle lwaba ngumda wakhe. Baqubisana noAshere ngasentla, baqubisana noIsakare ngasempumalanga.
11. KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.
12. Babengenako oonyana bakaManase akuyihlutha loo mizi; amaKanan akuphikela ukuma lwelo zwe.
13. Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, abawagqogqa kuphele.
14. Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?
15. Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.
16. Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBhete-shehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.
17. Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;
18. kuba eleentaba liya kuba lelenu, ngokuba lingamahlathi. Nowa hlahla, iinyele zawo zibe zezenu; kuba niya kuwagqogqa amaKanan, nakuba eneenqwelo zesinyithi, nakuba omelele.
About UYoshuwa Chapter 17
Read UYoshuwa Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYoshuwa in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYoshuwa
Chapter: 17
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYoshuwa. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYoshuwa Chapter 17 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYoshuwa Chapter 17?
UYoshuwa Chapter 17 is part of the Book of UYoshuwa in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYoshuwa Chapter 17 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from uyoshuwa
- UYoshuwa Chapter 10
- UYoshuwa Chapter 13
- UYoshuwa Chapter 20
- UYoshuwa Chapter 19
- UYoshuwa Chapter 9
- UYoshuwa Chapter 7
- UYoshuwa Chapter 15