ILevitikus Chapter 9

For English

Read ILevitikus Chapter 9 Online

Read ILevitikus Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ILevitikus and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ILevitikus 9

Isahluko 9

1. Kwathi ngomhla wesibhozo, uMoses wabiza uAron noonyana bakhe, namodada amakhulu akwaSirayeli.

2. Wathi kuAron, Zithabathele ithole, inkonyana yenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yemvu ibe lidini elinyukayo, ezo zinto zigqibelele, uzisondeze phambi koYehova;

3. uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Thabathani inkunzi exhonti yebhokhwe, ibe lidini lesono; nethole nemvana ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, zibe lidini elinyukayo;

4. nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni.

5. Bakuthabatha oko uMoses wawisa umthetho ngako, bakuzisa phambi kwentente yokuhlangana; lasondela lonke ibandla, lema phambi koYehova.

6. Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni.

7. Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho.

8. Wasondela ke uAron esibingelelweni, walixhela ithole ledini lesono elilelakhe.

9. Balisondeza oonyana baka-Aron igazi kuye, wawuthi nkxu umnwe wakhe egazini, walidyobha ezimpondweni zesibingelelo, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo.

10. Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

11. Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba.

12. Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni.

13. Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni.

14. Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni.

15. Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala.

16. Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko.

17. Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa.

18. Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni;

19. namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezi ntso, nomhlehlo wesibindi.

20. Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni.

21. Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.

22. UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo.

23. Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu.

24. Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.

About ILevitikus Chapter 9

Read ILevitikus Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ILevitikus
Chapter: 9
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ILevitikus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ILevitikus Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ILevitikus Chapter 9?

ILevitikus Chapter 9 is part of the Book of ILevitikus in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ILevitikus Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ilevitikus

  1. ILevitikus Chapter 1
  2. ILevitikus Chapter 5
  3. ILevitikus Chapter 4
  4. ILevitikus Chapter 14
  5. ILevitikus Chapter 3
  6. ILevitikus Chapter 13
  7. ILevitikus Chapter 11

Explore More from ITestamente Endala

  1. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 10
  2. INumeri Chapter 34
  3. UYeremiya Chapter 13
  4. 1 YooKumkani Chapter 6
  5. IEksodus Chapter 7
  6. IGenesis Chapter 11
  7. 1 YeziKronike Chapter 29

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 123
  2. IiNdumiso Chapter 30
  3. UYeremiya Chapter 5
  4. IiNdumiso Chapter 149
  5. KwabaseRoma Chapter 1
  6. 2 YeziKronike Chapter 18
  7. UIsaya Chapter 38
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *