1 UYohane Chapter 3

For English

Read 1 UYohane Chapter 3 Online

Read 1 UYohane Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

1 UYohane 3

Isahluko 3

1. Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena.

2. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.

3. Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.

4. Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.

5. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.

6. Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi.

7. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.

8. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.

9. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo.

10. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.

11. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;

12. singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.

13. Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile.

14. Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.

15. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.

16. Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.

17. Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?

18. Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.

19. Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe.

20. Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.

21. Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo;

22. nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.

23. Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho.

24. Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.

About 1 UYohane Chapter 3

Read 1 UYohane Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 UYohane
Chapter: 3
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 UYohane Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 UYohane Chapter 3?

1 UYohane Chapter 3 is part of the Book of 1 UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 UYohane Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-uyohane

  1. 1 UYohane Chapter 2
  2. 1 UYohane Chapter 1
  3. 1 UYohane Chapter 5
  4. 1 UYohane Chapter 4

Explore More from ITestamente Entsha

  1. UYohane Chapter 15
  2. UMateyu Chapter 13
  3. UMateyu Chapter 16
  4. IZenzo Chapter 9
  5. KwabaseFilipi Chapter 3
  6. 3 UYohane Chapter 1
  7. IZenzo Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 139
  2. IiNdumiso Chapter 78
  3. IiNdumiso Chapter 132
  4. UYobhi Chapter 4
  5. ILevitikus Chapter 17
  6. IiNdumiso Chapter 14
  7. IiNdumiso Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *